Ngeyiphi inkcazelo esiyisebenzisayo?

Xa isigulane sithatha inxaxheba kwinkqubo yeMax Access Solution (MAS), siqokelela, sigcine, size sisebenzise (“sisebenzisa” yonke) le Nkcazelo Yobuqu engezantsi:

(ngokudibeneyo, “Inkcazelo Yakho Yobuqu”)

Ukuze sikwazi ukunikezela ngenxaso efanelekileyo noncedo, sikwasebenzisa le Nenkcazelo Eyimfihlo Yobuqu engezantsi:

(ngokudibeneyo, “Inkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo”)

Kutheni ibe siyisebenzisa njani Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo?

Siqokelela Inkcazelo yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo ngqo kuwe, kumnyamekeli wakho kunye/ okanye kugqirha wakho xa ufaka isicelo sokuthatha inxaxheba njengesigulana kwenye yeenkqubo zethu zeMAS. Sisebenzisa Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo ngezi njongo:

(ngokudibeneyo, “Iinjongo”). 

Sisenokusebenzisa inkcazelo yakho ngendlela edityanisiweyo nangendlela eza kwenza ukuba ingabonakali ukuba ivela kubani ukuze senze iimpapasho. Oku kuthetha ukuba nayiphi na inkcazelo enokwenza waziwe ukuba ungubani (umzekelo, igama lakho, umhla wokuzalwa, idilesi) iza kususwa ukuze kungabikho mntu uza kukwazi ukudibanisa inkcazelo aze azi ukuba ngeyakho.

Ngubani esiza kumnika Inkcazelo Yakho Yobuqu neNkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo?

Sisenokunikezela Ngenkcazelo Yakho Yobuqu kunye/okanye Ngenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo kwaba balandelayo:

Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo ikwagcinwa kwindawo ekhuselekileyo, ekwi-intanethi ekwindawo eseMerika.

Asizukuyigqithisela Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo kweminye imibutho engeminye ngaphandle kokufumana imvume yakho. Siza kuyikhusela Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo size siqinisekise ukuba ingcinwe ngokukhuselekileyo.

Kuza kwenzeka ntoni ukuba awuvumi ukuba sisebenzise Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo?

Ukuba awunikezeli ngemvume yokuba kusetyenziswe Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo kusetyenziswa Isaziso Senkcazelo Yobuqu, awuzukwazi ukuba kwiinkqubo zeMax Foundation.

Amalungelo okukhuselwa kwenkcazelo yakho:

Phantsi komthetho wokukhuselwa kwenkcazelo, unamalungelo kuquka:

Akunyanzelekanga ukuba ubhatale nayiphi na intlawulo ngokusebenzisa amalungelo akho. Ukuba ufaka isicelo, sinenyanga yokuphendula.

Nceda uqhakamshelane nathi kule dilesi ilandelayo, ukuba unqwenela ukwenza isicelo:

The Max Foundation
1448 NW Market St
Suite 500
Seattle, WA 98107
+1 (206) 778-8660
info@themaxfoundation.org