fbpx

Ngeyiphi inkcazelo esiyisebenzisayo?

Xa isigulane sithatha inxaxheba kwinkqubo yeMax Access Solution (MAS), siqokelela, sigcine, size sisebenzise (“sisebenzisa” yonke) le Nkcazelo Yobuqu engezantsi:

  • igama lakho;
  • isini sakho;
  • umhla wokuzalwa kwakho;
  • inombolo yakho yefowuni/iinombolo zakho zefowuni;
  • idilesi yakho yeimeyile;
  • idilesi yakho yembalelwano;
  • ugqirha wakho wasesibhedlele ofumana kuye unyango;
  • umrholo wakho okanye ubume bakho bezimali (ukuba unayo); kunye
  • neenkcukacha zonxibelelwano zomntu okunyamekelayo (ukuba ukhona).

(ngokudibeneyo, “Inkcazelo Yakho Yobuqu”)

Ukuze sikwazi ukunikezela ngenxaso efanelekileyo noncedo, sikwasebenzisa le Nenkcazelo Eyimfihlo Yobuqu engezantsi:

  • iinkcukacha zesigulo sakho;
  • umhla wokuqala kwakho ukugula;
  • amayeza owasebenzisayo;
  • imihla kunye novavanyo lwakho lwe- PCR.

(ngokudibeneyo, “Inkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo”)

Kutheni ibe siyisebenzisa njani Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo?

Siqokelela Inkcazelo yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo ngqo kuwe, kumnyamekeli wakho kunye/ okanye kugqirha wakho xa ufaka isicelo sokuthatha inxaxheba njengesigulana kwenye yeenkqubo zethu zeMAS. Sisebenzisa Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo ngezi njongo:

  • ukuze sikwazi;
  • ukuze sinxibelelane nawe;
  • ukuze sikuxhase size sikuncede;
  • ukuze sabelane nawe ngenkcazelo engesifo sakho okanye ngonyango;
  • ukuze sikwazi ukufikelela izinto esimele sizifikelele ngaphantsi kwawo nawuphi na umthetho okanye imimiselo;
  • nangayo nayiphi na enye injongo enento yokwenza nokucwangciswa nokulawulwa kwezi Nkqubo.

(ngokudibeneyo, “Iinjongo”). 

Sisenokusebenzisa inkcazelo yakho ngendlela edityanisiweyo nangendlela eza kwenza ukuba ingabonakali ukuba ivela kubani ukuze senze iimpapasho. Oku kuthetha ukuba nayiphi na inkcazelo enokwenza waziwe ukuba ungubani (umzekelo, igama lakho, umhla wokuzalwa, idilesi) iza kususwa ukuze kungabikho mntu uza kukwazi ukudibanisa inkcazelo aze azi ukuba ngeyakho.

Ngubani esiza kumnika Inkcazelo Yakho Yobuqu neNkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo?

Sisenokunikezela Ngenkcazelo Yakho Yobuqu kunye/okanye Ngenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo kwaba balandelayo:

  • kwimibutho engaphantsi kweMax Foundation; kunye
  • namagunya asemthethweni iarhente okanye umbutho karhulumente ukuba sinyazeliswa ngumthetho.

Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo ikwagcinwa kwindawo ekhuselekileyo, ekwi-intanethi ekwindawo eseMerika.

Asizukuyigqithisela Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo kweminye imibutho engeminye ngaphandle kokufumana imvume yakho. Siza kuyikhusela Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo size siqinisekise ukuba ingcinwe ngokukhuselekileyo.

Kuza kwenzeka ntoni ukuba awuvumi ukuba sisebenzise Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo?

Ukuba awunikezeli ngemvume yokuba kusetyenziswe Inkcazelo Yakho Yobuqu Nenkcazelo Yakho Yobuqu Eyimfihlo kusetyenziswa Isaziso Senkcazelo Yobuqu, awuzukwazi ukuba kwiinkqubo zeMax Foundation.

Amalungelo okukhuselwa kwenkcazelo yakho:

Phantsi komthetho wokukhuselwa kwenkcazelo, unamalungelo kuquka:

  • Ilungelo lakho lokwaziswa – Unelungelo lokwaziswa ukuba yeyiphi inkcazelo yakho eqokelelwayo, indlela esetyenziswa ngayo, ukuba iza kugcinwa ixesha elingakanani kwaye ingaba kuza kwabelwana ngayo nayo nayiphi na kwimibutho engeminye.
  • Ilungelo lakho lokufukelela – Unelungelo lokucela ikopi yeenkcukacha zakho zobuqu.
  • Ilungelo lakho lokulungisa – Unelungelo lokucela ukulungisa (ukulungisa) inkcazelo ocinga ukuba ayichananga okanye ayiphelelanga.  
  • Ilungelo lokucima – Unelungelo lokusicela ukuba sicime iinkcukacha zakho kwiimeko ezithile.
  • Ilungelo lakho luthintela ukuba kusetyenziswe – Unelungelo lokusicela ukuba sikuthintele ukusetyenzwa kwenkcazelo yakho kwiimeko ezithile.
  • Ilungelo lakho lokwala ukuba kusetyenziswe – Unelungelo lokwala ukuba Inkcazelo Yakho isetyenziswe kwiimeko ezithile.
  • Ilungelo lakho lokugqithiselwa kwenkcazelo – Unelungelo lokusicela ukuba sidlulisele inkcazelo osinike yona komnye umbutho, okanye kuwe, kwiimeko ezithile.
  • Ilungelo lakho lokuchazelwa xa kwaphulwe umthetho – Unelungelo lokwaziswa xa kuye kwaphulwa nayiphi na imithetho engakhuselekanga yeeNkcukacha Zakho Zempilo Ezikhuselekileyo.

Akunyanzelekanga ukuba ubhatale nayiphi na intlawulo ngokusebenzisa amalungelo akho. Ukuba ufaka isicelo, sinenyanga yokuphendula.

Nceda uqhakamshelane nathi kule dilesi ilandelayo, ukuba unqwenela ukwenza isicelo:

The Max Foundation
1448 NW Market St
Suite 500
Seattle, WA 98107
+1 (206) 778-8660
info@themaxfoundation.org